- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Job 38:21|
									Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Job 38:22|
									Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Job 38:23|
									Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Job 38:24|
									Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Job 38:25|
									Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Job 38:26|
									Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Job 38:27|
									Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Job 38:28|
									Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Job 38:29|
									Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?									
									    
								 
- 
									
									30
									 
									 
									|Job 38:30|
									Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18