-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 5:11|
Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.
-
12
|Hechos 5:12|
Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon.
-
13
|Hechos 5:13|
Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenze bakhulu.
-
14
|Hechos 5:14|
Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;
-
15
|Hechos 5:15|
bada bayithwalela phandle imilwelwe ezitratweni, bayibeka ezingqengqelweni nasezinkukweni, ukuze kuthi, akubonÂ’ ukuba uPetros uyeza, kubekho kuyo ethi isityekelwe sisithunzi sakhe.
-
16
|Hechos 5:16|
Yaye ke ibuthelana eYerusalem nenkitha yabemizi ejikelezileyo, ithwele imilwelwe nabakhathazwa ngoomoya abangcolileyo, ababesithi bona baphiliswe bonke.
-
17
|Hechos 5:17|
Ke kaloku wesuka umbingeleli omkhulu, nabo bonke ababenaye (abangabehlelo labaSadusi), bazala ngumsindo;
-
18
|Hechos 5:18|
babesa izandla abapostile, babafaka entolongweni yabantu bonke.
-
19
|Hechos 5:19|
Ke kaloku isithunywa seNkosi sazivula iingcango zentolongo ebusuku, sabakhupha, sathi,
-
20
|Hechos 5:20|
Hambani, niye kuma nithethe etempileni kubo abantu onke amazwi obu bomi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7