-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 5:21|
Bevile ke, bangena kwangesifingo etempileni, bafundisa. Wafika ke umbingeleli omkhulu nabo babenaye, wayibizela ndawonye intlanganiso yamatyala, nawo onke amadoda amakhulu akoonyana bakaSirayeli; bathumela endlwini yamakhonkxwa ukuba beziswe.
-
22
|Hechos 5:22|
Ke kaloku, akufika amadindala, akabafumananga entolongweni; abuya ke abika, esithi,
-
23
|Hechos 5:23|
Indlu yamakhonkxwa siyifumene okunene ivalwe ngokuqinileyo kanye, nabalindi bemi ngaphandle phambi kweminyango. Sivulile ke, asifumananga mntu ngaphakathi.
-
24
|Hechos 5:24|
Bathe ke bakuweva la mazwi umbingeleli kwanomphathi wetempile, nababingeleli abakhulu, labakhohla, bathi,
-
25
|Hechos 5:25|
Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.
-
26
|Hechos 5:26|
Wesuka umphathi enamadindala, wabazisa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.
-
27
|Hechos 5:27|
Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,
-
28
|Hechos 5:28|
Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.
-
29
|Hechos 5:29|
Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.
-
30
|Hechos 5:30|
UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3