-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 5:31|
Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.
-
32
|Hechos 5:32|
Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.
-
33
|Hechos 5:33|
Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.
-
34
|Hechos 5:34|
Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;
-
35
|Hechos 5:35|
wathi kubo, Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.
-
36
|Hechos 5:36|
Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mane; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.
-
37
|Hechos 5:37|
Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.
-
38
|Hechos 5:38|
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:
-
39
|Hechos 5:39|
ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.
-
40
|Hechos 5:40|
Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7