-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 7:11|
Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla.
-
12
|Hechos 7:12|
Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala.
-
13
|Hechos 7:13|
Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro.
-
14
|Hechos 7:14|
Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.
-
15
|Hechos 7:15|
Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;
-
16
|Hechos 7:16|
baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.
-
17
|Hechos 7:17|
Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,
-
18
|Hechos 7:18|
kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu.
-
19
|Hechos 7:19|
Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi.
-
20
|Hechos 7:20|
Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21