-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 7:21|
Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo.
-
22
|Hechos 7:22|
Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi.
-
23
|Hechos 7:23|
Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amane, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli.
-
24
|Hechos 7:24|
Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa:
-
25
|Hechos 7:25|
wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona.
-
26
|Hechos 7:26|
Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane?
-
27
|Hechos 7:27|
Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu?
-
28
|Hechos 7:28|
Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo?
-
29
|Hechos 7:29|
Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini.
-
30
|Hechos 7:30|
Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21