-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 7:31|
Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi,
-
32
|Hechos 7:32|
Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa.
-
33
|Hechos 7:33|
Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
-
34
|Hechos 7:34|
Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa.
-
35
|Hechos 7:35|
Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni.
-
36
|Hechos 7:36|
Yena lowo wabakhupha, akubonÂ’ ukuba wenze izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka engamashumi omane.
-
37
|Hechos 7:37|
Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena.
-
38
|Hechos 7:38|
Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi;
-
39
|Hechos 7:39|
abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo,
-
40
|Hechos 7:40|
besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21