-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Hechos 4:32|
Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; zonke izinto zaye zizezobudlelane kubo.
-
33
|Hechos 4:33|
Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.
-
34
|Hechos 4:34|
Kuba kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babesithi bathengise ngazo, bawazise amaxabiso ezo zinto kuthengisiweyo ngazo,
-
35
|Hechos 4:35|
bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.
-
36
|Hechos 4:36|
Ke kaloku uYose, owathiywa ngabapostile elinye igama lokuba nguBharnabhas (elithi, lakuthethwa ngentetho evakalayo, ngumfo wovuselelo), umLevi waseSipro ngokuzalwa,
-
37
|Hechos 4:37|
wathi enomhlaba wathengisa ngawo, wayizisa imali, wayibeka ezinyaweni zabapostile.
-
1
|Hechos 5:1|
Ke kaloku indoda ethile, uHananiya ngegama, inoSafira umkayo, yathengisa ngemfuyo yayo.
-
2
|Hechos 5:2|
Yashinta kulo ixabiso layo, esazi naye umkayo; yazisa nxenye ithile, yayibeka ezinyaweni zabapostile.
-
3
|Hechos 5:3|
Wathi ke uPetros, Hananiya, kungani na ukuba uSathana azalise intliziyo yakho, ukuba umxokise uMoya oyiNgcwele, ushinte kulo ixabiso lomhlaba?
-
4
|Hechos 5:4|
Oko ube uhleli, ubungahleli kuwe na? Kanjalo uthengisiwe, ubungekhona na egunyeni lakho? Yini na ukuba uyibeke le nto entliziyweni yakho? Akuxoke kubantu, uxoke kuThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8