-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Hechos 5:5|
Ewavile ke uHananiya la mazwi, wawa, waphuma umphefumlo; kwabakho ukoyika okukhulu kubo bonke ababezivile ezi zinto.
-
6
|Hechos 5:6|
Asuka ke amadodana amsonga, amthwalela phandle, amngcwaba.
-
7
|Hechos 5:7|
Kwaba mzuzwana ke, ngathi ngowamaxa amathathu, wathi umkakhe, engayazi loo nto ihlileyo, wangena.
-
8
|Hechos 5:8|
Umphendule ke uPetros wathi, Ndixelele, umhlaba lo wakhutshelwa inani elingaka na? Wathi ke yena, Ewe, elingako.
-
9
|Hechos 5:9|
Uthe ke uPetros kuye, Yini na ukuba nivumelane ngokumlinga uMoya weNkosi? Uyabona, iinyawo zabo bangcwabe indoda yakho sezisemnyango; baya kukuthwalela phandle.
-
10
|Hechos 5:10|
Wawa ke kwalapho ezinyaweni zakhe, waphuma umphefumlo; bangena ke abafana, bamfumana efile, bamthwalela phandle, bamngcwabela ngasendodeni yakhe.
-
11
|Hechos 5:11|
Kwabakho ukoyika kulo lonke ibandla, nakubo bonke abazivayo ezi zinto.
-
12
|Hechos 5:12|
Ke kaloku, ngazo izandla zabapostile kwabakho imiqondiso nezimanga ezininzi phakathi kwabantu; baye bonke bemxhelo mnye evarandeni kaSolomon.
-
13
|Hechos 5:13|
Ke kaloku, kwabanye akubangakho namnye waba nabuganga bakusinamathelisa kubo; baye abantu bebenze bakhulu.
-
14
|Hechos 5:14|
Kwaba kukhona bekongezwayo abakholwayo kwiNkosi, into eninzi yamadoda neyabafazi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7