-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Hechos 5:35|
wathi kubo, Madoda, maSirayeli, zilumkeleni ngento eniza kuyenza kwaba bantu.
-
36
|Hechos 5:36|
Kuba ngaphambi kwale mihla, kwesuka uTuda, esithi yena ngokwakhe unguthile; ekwanamathela kuye inani lamadoda angathi amakhulu mane; ngowasikwayo lowo; bathi bonke ababemthambele babhangazeka, ababa nto.
-
37
|Hechos 5:37|
Emva kwalowo kwesuka uYuda welaseGalili, ngemihla yobhalo lomlibo wokuzalwa, wakhukulisa abantu banela; naye lowo watshabalala; baza bonke ababemthambele bachithwachithwa.
-
38
|Hechos 5:38|
Kungoku ke ndithi kuni, Khwelelani kwaba bantu nibayeke; ngokuba eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha:
-
39
|Hechos 5:39|
ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa; hleze nifunyanwe ningabalwa kwanoThixo.
-
40
|Hechos 5:40|
Bamthambela ke; bebabizile abapostile, babatyabula, babathethela ngelithi, mabangathethi ngegama likaYesu; babandulula ke.
-
41
|Hechos 5:41|
Bemka ke ngoko bona ebusweni bentlanganiso yamatyala, bevuya, ngokuba kuthiwe bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.
-
42
|Hechos 5:42|
Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.
-
1
|Hechos 6:1|
Ke kaloku ngaloo mihla, bakubonÂ’ ukuba bayanda abafundi, kwabakho ukukrokra kwawesiGrike amaYuda ngakwawesiHebhere, ngokuba abahlolokazi bawo babesilela ekulungiselelweni kwemihla ngemihla.
-
2
|Hechos 6:2|
Bathe ke abalishumi elinababini bawubizela kubo umhlambi wabafundi, bathi, Akukholekile ukuba thina silishiye ilizwi likaThixo, silungiselele ezitafileni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7