-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Hechos 6:13|
Bamisa namangqina obuxoki, awathi, Lo mntu akayeki ukuthetha amazwi okunyelisa indawo engcwele nomthetho;
-
14
|Hechos 6:14|
kuba simve esithi, UYesu waseNazarete lo uya kuyichitha le ndawo, awenze wambi amasiko awawanikela kuthi uMoses.
-
15
|Hechos 6:15|
Bonke ababehleli entlanganisweni yamatyala, beqwalasele kuye, babubona ubuso bakhe, ngathi bubuso besithunywa sezulu.
-
1
|Hechos 7:1|
Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo?
-
2
|Hechos 7:2|
Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran,
-
3
|Hechos 7:3|
wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingakubonisa wona.
-
4
|Hechos 7:4|
Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran. Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku.
-
5
|Hechos 7:5|
Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana.
-
6
|Hechos 7:6|
Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane.
-
7
|Hechos 7:7|
Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7