-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Hechos 5:25|
Azi, ingaba yintoni na le nto? Wafika ke othile, wababikela esithi, Yabonani, amadoda lawa beniwafake entolongweni, nangaya etempileni, emi efundisa abantu.
-
26
|Hechos 5:26|
Wesuka umphathi enamadindala, wabazisa kungengamandla; kuba babesoyika abantu, hleze baxulutywe ngamatye.
-
27
|Hechos 5:27|
Bebazisile ke, babamisa entlanganisweni yamatyala; wababuza umbingeleli omkhulu, esithi,
-
28
|Hechos 5:28|
Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu.
-
29
|Hechos 5:29|
Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.
-
30
|Hechos 5:30|
UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini.
-
31
|Hechos 5:31|
Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono.
-
32
|Hechos 5:32|
Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.
-
33
|Hechos 5:33|
Bathe ke bona bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, babhunga ukuba babasike.
-
34
|Hechos 5:34|
Ke kaloku kwesuka kwema othile entlanganisweni yamatyala, umFarisi ogama linguGamaliyeli, umfundisi womthetho, obekekileyo kubantu bonke, wathi makhe bakhutshelwe phandle kancinane abapostile;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7