-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 26:11|
Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.
-
12
|Hechos 26:12|
Kunjalonje ke, kwathi, xa ndiyayo eDamasko, ndinegunya nemvume kubabingeleli abakhulu,
-
13
|Hechos 26:13|
emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabo babehamba nam.
-
14
|Hechos 26:14|
Sithe ke sakubonÂ’ ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.
-
15
|Hechos 26:15|
Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Yathi ke yona, Mna ndinguYesu omtshutshisayo.
-
16
|Hechos 26:16|
Vuka, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuba ndikumise ube ngumkhonzi nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;
-
17
|Hechos 26:17|
ndikunyothula ebantwini nasezintlangeni, endikuthuma kuzo ngokunje;
-
18
|Hechos 26:18|
ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.
-
19
|Hechos 26:19|
Ekuthe koko, kumkani Agripa, andaba nguye ongawululameliyo umbono wasemazulwini;
-
20
|Hechos 26:20|
ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7