-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 26:31|
beshenxile, bathetha bodwa bathi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.
-
32
|Hechos 26:32|
Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.
-
1
|Hechos 27:1|
Ke kaloku, kwakugqitywa kwelokuba sisuke ngomkhombe siye kwelaseItali, bamnikela uPawulos kwanabanye ababanjwa abathile kumthetheli-khulu, ogama linguYuliyo, webutho loMhlekazi.
-
2
|Hechos 27:2|
Singenile ke emkhombeni waseAdramita, sisiza kudlula ngakwimimandla yelaseAsiya, sanduluka, kwakubonÂ’ ukuba uAristarko, umMakedoni waseTesalonika, unathi.
-
3
|Hechos 27:3|
Sathi ngengomso safika eTsidon; waza uYuliyo wamphatha uPawulos ngobubele, wamvumela ukuba aye ezihlotyeni zakhe, ongiwe.
-
4
|Hechos 27:4|
Sanduluka nalapho, sahamba ngomkhombe, sabetha ezantsi kweSipro, ngenxa yokuba imimoya ibivela ngaphambili.
-
5
|Hechos 27:5|
Sakulucanda nolwandle olungakwelaseKiliki nelasePamfili, safika eMira yelaseLiki.
-
6
|Hechos 27:6|
Apho ke umthetheli-khulu wafumana umkhombe wakwa-Alesandire, usiya kwelaseItali, wasikhwelisa kuwo.
-
7
|Hechos 27:7|
Ke kaloku iintsuku zanela sihamba kancinane, kwaba ngenkankulu ukuba sifike ngaseKinido. Uthe wakuba umoya ungasivumeli ukuba sisondele, sabetha ezantsi kweKrete ngaseSalimone.
-
8
|Hechos 27:8|
Saza sadlula kuyo ngenkankulu, safika ndaweni ithile kuthiwa ngamaChweba aMahle, obukufuphi kuyo umzi waseLaseya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7