-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Hechos 27:19|
nangowesithathu sayilahla ngezandla zethu impahla yomkhombe.
-
20
|Hechos 27:20|
Kuthe ke, kwakubonÂ’ ukuba akubonakali langa nankwenkwezi iintsuku ezininzi, kucinezele neliqhwa elingelincinane, laphela kwathi tu lonke ithemba lokuba singasindiswa.
-
21
|Hechos 27:21|
Emva kokuzila ukudla ixesha elide, wesuka wema uPawulos phakathi kwabo, wathi, Hina madoda, ninge naniphulaphule kum, ananduluka eKrete, nizuzane nale nkxwaleko noku konakala.
-
22
|Hechos 27:22|
Nangoku ndiyaniluleka ukuba nibe nomxhelo owonwabileyo; kuba kuni aba, akukho uya kulahlekelwa bubomi bakhe, yoba ngumkhombe wodwa.
-
23
|Hechos 27:23|
Kuba ngobu busuku bekumi ngakumisithunywa sikaThixo, endingowakhe, endimkhonzayo,
-
24
|Hechos 27:24|
sisithi, Musa ukoyika, Pawulos, umelwe kukuma phambi koKesare; uyabona, uThixo ukubabale ngabo bonke abasemkhombeni nawe.
-
25
|Hechos 27:25|
Kungoko ndithi, Yibani nomxhelo owonwabileyo, madoda; kuba ndiyakholwa nguThixo, ukuba kuya kuba njalo ngolo hlobo athethe ngalo kum.
-
26
|Hechos 27:26|
Kodwa simelwe kukuphoseka siqithini sithile.
-
27
|Hechos 27:27|
Ke kaloku, kwakufika ubusuku beshumi elinesine, sakubonÂ’ ukuba siqhutywaqhutywa ngumoya eAdriya, mayela phakathi kobusuku, oomatrose bazindla ukuba kukho mhlaba uthile basondelayo kuwo.
-
28
|Hechos 27:28|
Baza bakuba beyiphosile ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezimashumi mabini; bethe tyi ke kancinane, baphinda bayiphosa ilothe, bafumana ukuba ziifatom ezilishumi elinantlanu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7