-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Hechos 28:5|
Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko.
-
6
|Hechos 28:6|
Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
-
7
|Hechos 28:7|
Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.
-
8
|Hechos 28:8|
Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
-
9
|Hechos 28:9|
Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi;
-
10
|Hechos 28:10|
bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.
-
11
|Hechos 28:11|
Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele.
-
12
|Hechos 28:12|
Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.
-
13
|Hechos 28:13|
Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubonÂ’ ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli;
-
14
|Hechos 28:14|
safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7