-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Hechos 27:9|
Lithe ke lakudlula ixesha elaneleyo, nokuhamba ngomkhombe kunengozi, ngenxa yokuba nozilo beluse ludlule, uPawulos wamana ebaluleka,
-
10
|Hechos 27:10|
esithi kubo, Madoda, ndiyabona ukuba uhambo olu luza kuba nenkxwaleko nokonakala okukhulu, kungekwamthwalo namkhombe wodwa, kukokobomi bethu nabo.
-
11
|Hechos 27:11|
Kodwa umthetheli-khulu wayethambele okomqhubi nokomninimkhombe ukuthetha, kunokukaPawulos.
-
12
|Hechos 27:12|
Ke kaloku, ichweba lingakulungele nje ukuba kudluliswe busika kulo, abona baninzi kubo baceba ukuba kundulukwe khona, ukuba mhlawumbi banganokufikelela badlulise ubusika eFinikis, elichweba laseKrete; elibheke kwintshonalanga engasezantsi, nakwintshonalanga engasentla.
-
13
|Hechos 27:13|
Kuthe ke, wakubetha impepho umoya wasezantsi, beba bakuzuzile ababekungxamele, banduluka, badlula kufuphi neKrete.
-
14
|Hechos 27:14|
Kodwa kungekabi mzuzu, kwagaleleka khona umoya osisaqhwithi, ekuthiwa yiYuroklidon.
-
15
|Hechos 27:15|
Kuthe ke kwakubonÂ’ ukuba uthiwe hlasi umkhombe, awaba nako ukumelana nomoya, sasesiwuyeka; saqhutywa.
-
16
|Hechos 27:16|
Sathi sakubaleka ke, sibetha ngaphantsi kwesiqithana esithile, ekuthiwa yiKlawuda, kwaba ngenkankulu ukuba sibe nako ukuwubamba umkhonjana;
-
17
|Hechos 27:17|
abathe bakuwufunqula, basebenza ngezinto zokunceda, bewubhinqisa umkhombe; kananjalo bathi, besoyika ukuba bangeyela esihlabeni, bazifinyeza iiseyile, baqhutywa benjalo.
-
18
|Hechos 27:18|
Sithe ke, sakubonÂ’ ukuba ke sibandezelwe kakubi liliqhwa, ngomhla olandelayo bawuphungula umthwalo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3