-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Génesis 8:7|
wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
-
8
|Génesis 8:8|
Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
-
9
|Génesis 8:9|
Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
-
10
|Génesis 8:10|
Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.
-
11
|Génesis 8:11|
Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.
-
12
|Génesis 8:12|
Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.
-
13
|Génesis 8:13|
Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.
-
14
|Génesis 8:14|
Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.
-
15
|Génesis 8:15|
Wathetha uThixo kuNowa, esithi,
-
16
|Génesis 8:16|
Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5