-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Génesis 9:15|
ndiwukhumbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.
-
16
|Génesis 9:16|
Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
-
17
|Génesis 9:17|
Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.
-
18
|Génesis 9:18|
Ke kaloku oonyana bakaNowa, abaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.
-
19
|Génesis 9:19|
Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.
-
20
|Génesis 9:20|
UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.
-
21
|Génesis 9:21|
Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.
-
22
|Génesis 9:22|
UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuze bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.
-
23
|Génesis 9:23|
UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuze bukayise.
-
24
|Génesis 9:24|
Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5