-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Génesis 9:25|
Wathi, Makaqalekiswe uKanan, Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.
-
26
|Génesis 9:26|
Wathi, Makabongwe uYehova uThixo kaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
-
27
|Génesis 9:27|
UThixo makamvulele uYafete, Ahlale ezintenteni zikaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
-
28
|Génesis 9:28|
Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mthathu anamanci mahlanu.
-
29
|Génesis 9:29|
Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.
-
1
|Génesis 10:1|
Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.
-
2
|Génesis 10:2|
Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.
-
3
|Génesis 10:3|
Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.
-
4
|Génesis 10:4|
Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan.
-
5
|Génesis 10:5|
Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8