-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Génesis 9:5|
Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.
-
6
|Génesis 9:6|
Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.
-
7
|Génesis 9:7|
Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.
-
8
|Génesis 9:8|
Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,
-
9
|Génesis 9:9|
Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,
-
10
|Génesis 9:10|
nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.
-
11
|Génesis 9:11|
Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.
-
12
|Génesis 9:12|
Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:
-
13
|Génesis 9:13|
umnyama wam ndiwubeke efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.
-
14
|Génesis 9:14|
Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyama lowo efini;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5