-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Génesis 8:17|
Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalise ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
-
18
|Génesis 8:18|
Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye.
-
19
|Génesis 8:19|
Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.
-
20
|Génesis 8:20|
UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso.
-
21
|Génesis 8:21|
UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.
-
22
|Génesis 8:22|
Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.
-
1
|Génesis 9:1|
UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.
-
2
|Génesis 9:2|
Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikelwe esandleni senu.
-
3
|Génesis 9:3|
Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.
-
4
|Génesis 9:4|
Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5