-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Génesis 10:6|
Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.
-
7
|Génesis 10:7|
Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
-
8
|Génesis 10:8|
UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.
-
9
|Génesis 10:9|
Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.
-
10
|Génesis 10:10|
Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, neAkadi, neKalene, ezweni leShinare.
-
11
|Génesis 10:11|
Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wikha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,
-
12
|Génesis 10:12|
neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.
-
13
|Génesis 10:13|
UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
-
14
|Génesis 10:14|
namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
-
15
|Génesis 10:15|
UKanan wazala uTsidon, owamazi bulo wakhe, noHeti,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8