-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Génesis 11:4|
Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
-
5
|Génesis 11:5|
UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.
-
6
|Génesis 11:6|
Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
-
7
|Génesis 11:7|
Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
-
8
|Génesis 11:8|
UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
-
9
|Génesis 11:9|
Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
-
10
|Génesis 11:10|
Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.
-
11
|Génesis 11:11|
UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.
-
12
|Génesis 11:12|
UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela.
-
13
|Génesis 11:13|
UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mane anamathathu, wazala oonyana neentombi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8