-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Génesis 11:24|
UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera.
-
25
|Génesis 11:25|
UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.
-
26
|Génesis 11:26|
UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.
-
27
|Génesis 11:27|
Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.
-
28
|Génesis 11:28|
Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.
-
29
|Génesis 11:29|
UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.
-
30
|Génesis 11:30|
USarayi ebengazali, engenamntwana.
-
31
|Génesis 11:31|
UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.
-
32
|Génesis 11:32|
Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran.
-
1
|Génesis 12:1|
Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendlwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 6-8