- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									21
									 
									 
									|Job 31:21|
									Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama, Ngokuba bendibone uncedo lwam esangweni:									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|Job 31:22|
									Igxalaba lam maliwe esixhantini salo, Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|Job 31:23|
									Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo,  Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.									
									    
								 
- 
									
									24
									 
									 
									|Job 31:24|
									Ukuba bendenze igolide inqolonci yam, Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;									
									    
								 
- 
									
									25
									 
									 
									|Job 31:25|
									Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam,  Nokufumana kakhulu kwesandla sam;									
									    
								 
- 
									
									26
									 
									 
									|Job 31:26|
									Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha, Nenyanga ihamba indilekile,									
									    
								 
- 
									
									27
									 
									 
									|Job 31:27|
									Yahendeka ngasese intliziyo yam, Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:									
									    
								 
- 
									
									28
									 
									 
									|Job 31:28|
									Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi; Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.									
									    
								 
- 
									
									29
									 
									 
									|Job 31:29|
									Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo, Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi									
									    
								 
- 
									
									30
									 
									 
									|Job 31:30|
									(Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,  Ndiwucele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18