- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									31
									 
									 
									|Job 31:31|
									Ukuba babengatsho abantu bentente yam, ukuthi, Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?									
									    
								 
- 
									
									32
									 
									 
									|Job 31:32|
									Ubengalali phandle umphambukeli, Iingcango zam bendizivulela endleleni;									
									    
								 
- 
									
									33
									 
									 
									|Job 31:33|
									Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,  Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,									
									    
								 
- 
									
									34
									 
									 
									|Job 31:34|
									Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,  Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka,  andaphuma emnyango—									
									    
								 
- 
									
									35
									 
									 
									|Job 31:35|
									Andaba bendinondiphulaphulayo! Nangu umqondiso wam,  uSomandla makandiphendule; Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.									
									    
								 
- 
									
									36
									 
									 
									|Job 31:36|
									Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam, Ndoyithi jize kum njengesithsaba.									
									    
								 
- 
									
									37
									 
									 
									|Job 31:37|
									Inani lamabanga am ndomxelela, Ndimsondele njengenganga.									
									    
								 
- 
									
									38
									 
									 
									|Job 31:38|
									Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim, Nemiqela yawo yalila kunye nawo;									
									    
								 
- 
									
									39
									 
									 
									|Job 31:39|
									Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali, Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:									
									    
								 
- 
									
									40
									 
									 
									|Job 31:40|
									Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa, Nokhula esikhundleni serhasi. Agqityiwe amazwi kaYobhi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18