-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 34:1|
Wasusela uElihu, wathi,
-
2
|Job 34:2|
Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.
-
3
|Job 34:3|
Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.
-
4
|Job 34:4|
Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.
-
5
|Job 34:5|
Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.
-
6
|Job 34:6|
Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.
-
7
|Job 34:7|
Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?
-
8
|Job 34:8|
Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?
-
9
|Job 34:9|
Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.
-
10
|Job 34:10|
Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40