-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 34:21|
Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.
-
22
|Job 34:22|
Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.
-
23
|Job 34:23|
Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.
-
24
|Job 34:24|
Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.
-
25
|Job 34:25|
Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.
-
26
|Job 34:26|
Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.
-
27
|Job 34:27|
Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;
-
28
|Job 34:28|
Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.
-
29
|Job 34:29|
Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,
-
30
|Job 34:30|
Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40