- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 36:1|
									Waqokela uElihu, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 36:2|
									Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 36:3|
									Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 36:4|
									Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 36:5|
									Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 36:6|
									Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 36:7|
									Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 36:8|
									Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 36:9|
									Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 36:10|
									Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18