-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Job 36:21|
Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.
-
22
|Job 36:22|
Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?
-
23
|Job 36:23|
Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?
-
24
|Job 36:24|
Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.
-
25
|Job 36:25|
Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.
-
26
|Job 36:26|
Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
-
27
|Job 36:27|
Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
-
28
|Job 36:28|
Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
-
29
|Job 36:29|
Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?
-
30
|Job 36:30|
Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4