- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Deuteronomio 10:11|
									Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu,  bangene balime ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Deuteronomio 10:12|
									Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke;									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Deuteronomio 10:13|
									ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe,  endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Deuteronomio 10:14|
									Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu,  nehlabathi, neento zonke ezikhona.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Deuteronomio 10:15|
									UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande;  wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Deuteronomio 10:16|
									Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Deuteronomio 10:17|
									Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo;									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Deuteronomio 10:18|
									ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Deuteronomio 10:19|
									Mthandeni owasemzini; kuba nibe ningabasemzini ezweni laseYiputa.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Deuteronomio 10:20|
									Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15