- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 15:1|
									Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, uze wenze uyekelelo.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 15:2|
									Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo,  bangammemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 15:3|
									Ungammema owolunye uhlanga; ke into eyiyeyakho ekumzalwana wakho soyiyekelela isandla sakho.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 15:4|
									Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulime;									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 15:5|
									ukuba uthe kodwa waliphulaphula ngenyameko izwi likaYehova uThixo wakho, wagcina ukuwenza wonke lo mthetho ndikuwiselayo namhla.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 15:6|
									Ngokuba uYehova uThixo wakho ukusikelele, njengoko wathethayo kuwe; woboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wolawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 15:7|
									Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova,  uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho,  usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 15:8|
									Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 15:9|
									Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho,  uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto;  aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 15:10|
									Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho;  ngokuba ngenxa yale ndawo wokusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15