-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 31:1|
Waya uMoses, wawathetha la mazwi kumaSirayeli onke,
-
2
|Deuteronomio 31:2|
wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.
-
3
|Deuteronomio 31:3|
NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wozitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova.
-
4
|Deuteronomio 31:4|
Uya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo;
-
5
|Deuteronomio 31:5|
azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo.
-
6
|Deuteronomio 31:6|
Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
-
7
|Deuteronomio 31:7|
UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa.
-
8
|Deuteronomio 31:8|
NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
-
9
|Deuteronomio 31:9|
Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.
-
10
|Deuteronomio 31:10|
UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7