- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 27:1|
									UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 27:2|
									Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu,  uwaqabe ngefutha,									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 27:3|
									ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 27:4|
									Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 27:5|
									wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho,  isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 27:6|
									Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 27:7|
									ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 27:8|
									uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 27:9|
									UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke,  besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 27:10|
									uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18