-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 10:1|
Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi;
-
2
|Deuteronomio 10:2|
ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni.
-
3
|Deuteronomio 10:3|
Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam.
-
4
|Deuteronomio 10:4|
Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona.
-
5
|Deuteronomio 10:5|
Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
-
6
|Deuteronomio 10:6|
Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.
-
7
|Deuteronomio 10:7|
Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi.
-
8
|Deuteronomio 10:8|
Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla.
-
9
|Deuteronomio 10:9|
Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
-
10
|Deuteronomio 10:10|
Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7