- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 22:1|
									Uze ungathi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; woyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 22:2|
									Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi,  wozihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 22:3|
									Uya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe,  wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 22:4|
									Uze ungathi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; womncedisa ukuyivusa.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 22:5|
									Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 22:6|
									Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 22:7|
									Womndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulunge kuwe, uyolule imihla yakho.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 22:8|
									Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 22:9|
									Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 22:10|
									Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15