-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 24:1|
Xa ithe indoda yazeka umfazi, yayindoda yakhe, kothi ke ukuba uthe akafumana ukubabalwa emehlweni ayo, ngokuba ifumene iindawo eziziintloni kuye, yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo;
-
2
|Deuteronomio 24:2|
waphuma endlwini yayo, waya waba ngowandoda yimbi; yamthiya le ndoda iyiyimbi,
-
3
|Deuteronomio 24:3|
yambhalela incwadi yokumala, yamnikela esandleni, yamgxotha endlwini yayo; nokuba ithe yafa le ndoda iyiyimbi yamzekayo wangumkayo:
-
4
|Deuteronomio 24:4|
mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa.
-
5
|Deuteronomio 24:5|
Xa indoda ithe yazeka umfazi omtsha, mayingaphumi nomkhosi, ingaphathiswa msebenzi nawuphi. Yokhululeka ngenxa yendlu yayo umnyaka ube mnye, ivuyisane nomkayo emzekileyo.
-
6
|Deuteronomio 24:6|
Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo.
-
7
|Deuteronomio 24:7|
Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
-
8
|Deuteronomio 24:8|
Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.
-
9
|Deuteronomio 24:9|
Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa.
-
10
|Deuteronomio 24:10|
Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7