- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 17:1|
									Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho nkomo nagusha inasiphako, nandawo imbi nokuba yiyiphi; ngokuba oko kulisikizi kuYehova uThixo wakho.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 17:2|
									Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, nakuliphi isango emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho, indoda nokuba yinkazana eyenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho ngokugqitha umnqophiso wakhe;									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 17:3|
									yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga,  nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo;									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 17:4|
									waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso,  iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli:									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 17:5|
									woyikhupha loo ndoda, nokuba yiloo nkazana, iyenzileyo loo nto imbi, emasangweni akho, loo ndoda nokuba yiloo nkazana uyixulube ngamatye, ife.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 17:6|
									Ofanele ukufa wobulawa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamangqina amathathu; makangabulawa ngomlomo wangqina linye.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 17:7|
									Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emveni koko; ubutshayele ke ububi,  bungabikho phakathi kwakho.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 17:8|
									Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho,  iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho: wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 17:9|
									uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 17:10|
									Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15