- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 13:1|
									Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti nomphuphi wamaphupha, wakunika imiqondiso nezimanga,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 13:2|
									yabakho ke imiqondiso nezimanga azithethileyo kuwe, esithi,  Masilandele thixo bambi ongabaziyo, sibakhonze:									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 13:3|
									uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha; ngokuba kusukuba enilinga uYehova uThixo wenu,  ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 13:4|
									Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imithetho yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena,  ninamathele kuye.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 13:5|
									Ke loo mprofeti naloo mphuphi wamaphupha makabulawe; kuba ethethe elokutyeka kuYehova uThixo wenu, owanikhuphayo ezweni laseYiputa, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka;  ukuba akuwexule endleleni, akuwisele umthetho ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo. Uze ubutshayele ke ububi,  bungabikho phakathi kwakho.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 13:6|
									Xa athe umzalwana wakho, umntakanyoko, nonyana wakho,  nentombi yakho, nomfazi wesifuba sakho, nommelwane wakho onjengomphefumlo wakho kuwe, wakuhenda ngasese, esithi, Masiye kukhonza thixo bambi ongabazanga, wena nooyihlo;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 13:7|
									koothixo bezizwe eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe, nokuba zezikude nawe, ezithabathele esiphelweni sehlabathi, zada zesa esiphelweni sehlabathi:									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 13:8|
									uze ungavumelani naye, ungamphulaphuli; lingabi nanceba iliso lakho kuye, ungamcongi, ungamfihli; uze umbulale afe.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 13:9|
									Kofika esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko,									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 13:10|
									umxulube ngamatye afe; ngokuba efune ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15