- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 20:1|
									Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba unawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 20:2|
									Kothi ke, xenikweni nithe nasondela ekulweni, afike umbingeleli, athethe ebantwini, athi kubo, Yiva, Sirayeli!									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 20:3|
									Nisondele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo;									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 20:4|
									ngokuba uYehova uThixo wenu uhamba nani, ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 20:5|
									Ababhali bothetha ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owakhe indlu entsha, akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe,  hleze afe emfazweni, isungulwe mntu wumbi.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 20:6|
									Ngubani na umntu otyele isidiliya, akadla kuso? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, sidliwe mntu wumbi.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 20:7|
									Ngubani na umntu ogane umfazi, akamzeka? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, azekwe mntu wumbi.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 20:8|
									Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe,  njengentliziyo yakhe.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 20:9|
									Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 20:10|
									Xa uthe wasondela emzini, usiya kulwa nawo, womemeza uxolo kuwo;									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15