- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 8:1|
									Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilime ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 8:2|
									Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 8:3|
									Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi,  ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 8:4|
									Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 8:5|
									Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 8:6|
									uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 8:7|
									Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 8:8|
									ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane,  neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 8:9|
									ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 8:10|
									udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15