-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 8:11|
Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;
-
12
|Deuteronomio 8:12|
hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;
-
13
|Deuteronomio 8:13|
zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:
-
14
|Deuteronomio 8:14|
isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
-
15
|Deuteronomio 8:15|
owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;
-
16
|Deuteronomio 8:16|
owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;
-
17
|Deuteronomio 8:17|
uze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.
-
18
|Deuteronomio 8:18|
Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.
-
19
|Deuteronomio 8:19|
Kothi, ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.
-
20
|Deuteronomio 8:20|
Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nodaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5