- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 16:1|
									Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 16:2|
									Uze ubingelele ipasika kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 16:3|
									Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi,  ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 16:4|
									Kuze kungabonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe;  ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 16:5|
									Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 16:6|
									ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika,  ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa;									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 16:7|
									uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 16:8|
									Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 16:9|
									Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa;									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 16:10|
									wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho;									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18