-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Deuteronomio 16:11|
uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi ose. masangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho.
-
12
|Deuteronomio 16:12|
Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo.
-
13
|Deuteronomio 16:13|
Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho;
-
14
|Deuteronomio 16:14|
uvuye emthendelekweni wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho.
-
15
|Deuteronomio 16:15|
Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele.
-
16
|Deuteronomio 16:16|
Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba. Makangabonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova;
-
17
|Deuteronomio 16:17|
elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.
-
18
|Deuteronomio 16:18|
Wozimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo.
-
19
|Deuteronomio 16:19|
Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.
-
20
|Deuteronomio 16:20|
Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7