- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 14:1|
									Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti,  ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 14:2|
									ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 14:3|
									Uze ungadli nanye into elisikizi.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 14:4|
									Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla:									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 14:5|
									inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa,  netshabangqa, nenqu, neula, negogo.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 14:6|
									Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 14:7|
									Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso,  nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla;  ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu,  ziziinqambi ke kuni;									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 14:8|
									nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi,  iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 14:9|
									Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 14:10|
									Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli;  ziziinqambi kuni.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15