-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Deuteronomio 14:21|
Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
-
22
|Deuteronomio 14:22|
Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka;
-
23
|Deuteronomio 14:23|
udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla.
-
24
|Deuteronomio 14:24|
Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho:
-
25
|Deuteronomio 14:25|
wosanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,
-
26
|Deuteronomio 14:26|
uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho.
-
27
|Deuteronomio 14:27|
NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe.
-
28
|Deuteronomio 14:28|
Ekupheleni kweminyaka emithathu, wokhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho;
-
29
|Deuteronomio 14:29|
eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10