-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Deuteronomio 14:1|
Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi;
-
2
|Deuteronomio 14:2|
ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba.
-
3
|Deuteronomio 14:3|
Uze ungadli nanye into elisikizi.
-
4
|Deuteronomio 14:4|
Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla:
-
5
|Deuteronomio 14:5|
inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo.
-
6
|Deuteronomio 14:6|
Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona.
-
7
|Deuteronomio 14:7|
Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla; ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni;
-
8
|Deuteronomio 14:8|
nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi.
-
9
|Deuteronomio 14:9|
Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla.
-
10
|Deuteronomio 14:10|
Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli; ziziinqambi kuni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10