- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 18:1|
									Ababingeleli, abaLevi, sonke isizwe sabaLevi, mabangabi nasabelo nalifa kunye namaSirayeli; bodla ukudla kwasemlilweni ke kukaYehova, nelifa lakhe.									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 18:2|
									Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo; nguYehova ilifa labo, njengoko wathethayo kubo.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 18:3|
									Soba sesi ke isilunga sababingeleli, esiphuma ebantwini,  esiphuma kwababingelela imibingelelo, nokuba yinkomo, nokuba yigusha: bomnika umbingeleli umkhono, nemihlathi, neswili.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 18:4|
									Womnika ulibo lwengqolowa yakho, nolwewayini yakho entsha,  nolweoli yakho; noboya bokuqala bomchebo wempahla yakho emfutshane.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 18:5|
									Ngokuba uYehova uThixo wakho wamnyula ezizweni zakho zonke,  ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe,  yonke imihla.									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 18:6|
									Xa athe weza umLevi ephuma nakuliphi isango emasangweni akho, kuwo onke amaSirayeli, apho aphambukele khona, weza ngokunqwena konke komphefumlo wakhe kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 18:7|
									walungiselela egameni likaYehova uThixo wakhe,  njengabazalwana bakhe bonke abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova:									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 18:8|
									wodla isabelo njengabanye; ibe yodwa yona intengiso yakhe ngezinto zezindlu zooyise.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 18:9|
									Xa uthe wafika kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo wakho,  uze ungafundi ukwenza amasikizi ezo ntlanga.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 18:10|
									Maze kungafunyanwa namnye kuwe ucandisa unyana wakhe nentombi yakhe emlilweni, novumisayo, nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo,									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15