- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Deuteronomio 19:1|
									Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, wazigqogqa wena,  wahlala emizini yazo nasezindlwini zazo:									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Deuteronomio 19:2|
									wozahlulela imizi emithathu phakathi kwelizwe lakho,  akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ulime;									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Deuteronomio 19:3|
									uzilungisele indlela, uwahlule ube zahlulo zithathu umda welizwe lakho, aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho,  ukuze bonke ababulali basabele khona.									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Deuteronomio 19:4|
									Lilo eli isiko awophathwa ngalo umbulali, othe wasabela khona ukuba asinde: Othe wambulala ummelwane wakhe ngengozi,  ebengamthiyile ngaphambili;									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Deuteronomio 19:5|
									waya nommelwane wakhe ehlathini, esiya kugawula imithi,  isandla sakhe sajiwula izembe, enqumla imithi, yaphunyuka intsimbi emphinini, yabetha kummelwane wakhe, wafa: lowo wosabela komnye umzi kuloo mizi, asinde;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Deuteronomio 19:6|
									hleze umphindezeli wegazi amsukele umbulali lowo, kuba ishushu intliziyo yakhe, amfumane ngokuba nde kwendlela,  ambulale afe; engafanele kufa, kuba ebengamthiyile ngaphambili.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Deuteronomio 19:7|
									Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Wozahlulela imizi emithathu.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Deuteronomio 19:8|
									Ke ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawenza banzi umda wakho, njengoko wafungayo kooyihlo, wakunika lonke elo zwe,  awathi wobanika lona ooyihlo;									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Deuteronomio 19:9|
									xa uthe wawugcina ukuba uwenze, lo mthetho wonke ndikuwisela wona namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho,  uhambe ngeendlela zakhe imihla yonke; usaya kuyongeza imizi ibe mithathu kule mithathu;									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Deuteronomio 19:10|
									ukuze kungaphalazwa gazi lingenatyala phakathi kwelizwe lakho, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa,  amagazi abe phezu kwakho.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15